10 Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.
11 Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.
12 Okukhona babacinezeláyo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalaláyo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.
13 AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;
14 abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.
15 Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;
16 wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.