Ieksodus 31 XHO75

UBhetsaleli noAholiyabhi bamiselwa umsebenzi womnquba

1 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

2 Khangela, ndibizé ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;

3 ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;

4 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,

5 nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.

6 Yabona, mna ndimkhuphé kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuze bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:

7 intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,

8 netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke,

9 nesibingelelo sokuqhumisela, nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

10 nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;

11 neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benzè njengako konke endikuwisele umthetho ngako.

Ukugcinwa kwesabatha

12 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

13 Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;

14 niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.

15 Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.

16 Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.

17 Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.

18 Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40