Ieksodus 33 XHO75

UMoses uthandazela amaSirayeli

1 Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.

2 Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;

3 niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.

4 Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.

5 Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingáthi, ndinyuké phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.

6 Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.

7 Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.

8 Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.

9 Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.

10 Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.

11 UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.

12 Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, ùthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo ùya kundithuma naye; kanti ke ùthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabále.

13 Ngoko ukuba undibabále, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.

14 Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.

15 Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.

16 Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabále mna nabantu bakho? Àkungokuthi na uhambe nathi, sibáluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?

17 Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabále, ndikwazile ngegama.

18 Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.

19 Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.

20 Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.

21 Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa;

22 kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubèke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule;

23 ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40