Ieksodus 25 XHO75

Umnquba neempahla zawo

1 Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.

2 Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.

3 Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu; nento emsi nemfusa nebomwu,

4 nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;

5 nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;

6 nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;

7 amatye ebherilo,* namatye okufakwe e-efodini,* nawobengo;

8 bandènzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.

9 Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.

10 Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite* zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

11 uyàleke ngegolide ecocekileyo, uyàleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide;

12 woyityhidela amakhonkco egolide abe mané, uwafake emilenzeni yayo yominé, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala;

13 wenze izibonda ngomngampunzi, uzàleke ngegolide,

14 uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo.

15 Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingàrholwa kuyo.

16 Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.

17 Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha.

18 Uze wenze iikerubhi* zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha;

19 wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wòzenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini.

20 Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo.

21 Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona.

22 Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.

23 Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

24 uyàleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize.

25 Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize.

26 Woyenzela amakhonkco egolide abe mané, uwafake amakhonkco omané ezimbombeni zoné ezisemilenzeni yayo yominé.

27 Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile;

28 uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzàleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.

29 Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo;

30 ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.

31 Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wòsikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso;

32 amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.

33 Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile,* zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.

34 Zoba né iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso;

35 ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso.

36 Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.

37 Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso.

38 Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.

39 Nosenza ngetalente* yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke.

40 Khangela ke, uzènze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40