Ieksodus 34 XHO75

UThixo uhlaziya umnqophiso wakhe namaSirayeli

1 Wathi uYehova kuMoses, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala owawaqhekezayo;

2 ulunge kusasa, unyuke kusasa, uye entabeni yaseSinayi, ume ngakum khona encotsheni yentaba.

3 Kuze kungànyuki mntu nawe, kuze kungábonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungàdli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.

4 Wawaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala. Wavuka uMoses kusasa, wenyuka waya entabeni yaseSinayi, njengoko uYehova wamwisela umthetho ngako, waphatha esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini.

5 Wehla uYehova esefini, wema khona naye, wavakalisa igama likaYehova.

6 UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso;

7 olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana!

8 Wakhawuleza uMoses, wathoba emhlabeni, waqubuda kuye.

9 Wathi, Ukuba undibabále, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.

10 Wathi, Yabona, ndènza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova; ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.

11 Kúgcine oko ndikuwisela umthetho ngako namhla. Yabona, ndigxotha ebusweni bakho ama-Amori, namaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

12 Zígcine, hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe ungena kulo; hleze babe ngumgibe phakathi kwakho.

13 Nòzidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera* babo.

14 Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;

15 hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;

16 uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zihenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.

17 Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.

18 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.

19 Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;

20 ke lona izibulo le-esile wòlikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.

21 Wòsebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.

22 Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.

23 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.

24 Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, lingànqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.

25 Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika úze ungahlali kude kuse.

26 Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho.Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.

27 Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenzé ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.

28 Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.

UMoses uhla entabeni

29 Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhlèni kwakhe entabeni, àkazi uMoses, ukuba ulùsu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.

30 UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulùsu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.

31 Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.

32 Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi.

33 Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.

34 Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako.

35 Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulùsu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40