19 Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi àkanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.
20 Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.
21 Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.
22 UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.