25 Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;
26 nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
27 UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, àkavuma ukubandulula.
28 Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.
29 Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.