22 Nithabathe isipha sehisope,* nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kusé.
23 UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale.
24 Wòligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni.
25 Nòthi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.
26 Kothi, xa bathe oonyana benu kuni,
27 Iyintoni na le nkonzo kuni? nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.
28 Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.