34 Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo.
35 Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo.
36 UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, ábenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa.
37 Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engáthi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.
38 Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.
39 Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.
40 Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mané aneminyaka emanci mathathu.