11 Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele,Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?
12 Wòlula isandla sakho sokunene,Umhlaba uyabaginya.
13 Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo.Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.
14 Zivile izizwe, ziyangqunga,Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,
15 Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom;Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela,Bathá amandla bonke abemi belakwaKanan.
16 Bawelwa kukudenga nakukunkwantya,Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye,Bade badlule abantu bakho, Yehova,Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.
17 Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho,Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova,Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.