19 Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.
20 UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.
21 Wawaphendula uMiriyam wathi,Vumani keYehova, kuba enobungangamsha obukhulu;Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
22 UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.
23 Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.*
24 Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.
25 UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.