20 UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.
21 Wawaphendula uMiriyam wathi,Vumani keYehova, kuba enobungangamsha obukhulu;Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
22 UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.
23 Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.*
24 Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.
25 UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.
26 Wathi, Ukuba ùthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.