24 Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; àyanuka, akwabakho mpethu kuyo.
25 Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.
26 Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
27 Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
28 Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
29 Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
30 Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.