7 kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?
8 Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukroka kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
9 Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.
10 Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nâbo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.
11 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
12 Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
13 Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.