1 UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.
2 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule,
3 noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom,* kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga;
4 igama lomnye lalinguEliyezere,* kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro.