16 xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazíse imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.
17 Wathi uyise womkaMoses kuye, Ayilungile le nto uyenzayo.
18 Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa.
19 Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo;
20 ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza.
21 Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathethelikhulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;
22 bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise.