6 Wathi kuMoses, Mna Yitro, únguyihlo, ndizé kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.
7 Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.
8 UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanáyo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.
9 Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.
10 Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaFaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.
11 Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.
12 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.