8 Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.
9 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova.
10 Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu;
11 kuba ngomhla wesithathu úya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke;
12 ubàmisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe.
13 Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho ziné, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, bangányuka entabeni bona.
14 Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo.