1 Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.
2 Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.
3 Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene* netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.
4 Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.
5 Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.