14 Wathi yena, Ùmiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
15 UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
16 Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.
17 Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
18 Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?
19 Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
20 Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.