16 Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.
17 Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
18 Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?
19 Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
20 Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.
21 Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.
22 Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom,* kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.