22 Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom,* kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.
23 Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
24 Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.
25 UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.