24 uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlokokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
25 Ukuba ùthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
26 Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, wòyibuyisela kuye, lingekatshoni ilanga;
27 kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wólala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
28 UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.
29 Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.
30 Ùze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.