15 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;
16 nomthendeleko wexa lokuvuna, wentlahlela yemisebenzi yakho yokuhlwayela entsimini; nomthendeleko wokuhlanganisa, osekupheleni komnyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.
17 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi uYehova.
18 Uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele igazi lombingelelo wam; nenqatha lomthendeleko wam malingabi ngumbeko.
19 Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho.Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
20 Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo.
21 Sílumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.