21 Sílumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.
22 Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, wenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho.
23 Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.
24 Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.
25 Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.
26 Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.
27 Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;