23 Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.
24 Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.
25 Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.
26 Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.
27 Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;
28 ndithùme oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.
29 Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.