1 Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;
2 kusondèle uMoses yedwa kuYehova; bangàsondeli bona, nabantu bangenyuki naye.
3 Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
4 Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wákha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
5 Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.