5 Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.
6 UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.
7 Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.
8 Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nâlo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
9 Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.
10 Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire* eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.
11 Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.