6 UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.
7 Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.
8 Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nâlo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
9 Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.
10 Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire* eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.
11 Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
12 Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikùnike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.