24 zibe ngamawele, zithabathele ezantsi ukuhlangana; zibe nto-nye kude kuse entloko, ziye khonkcweni linye. Koba njalo kuwo omabini, abe ngaweembombo zombini.
25 Zoba ziiplanga ezisibhozo neziseko zazo zesilivere, zibe ziziseko ezilishumi elinazithandathu: zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye, zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
26 Maze wenze imivalo ngomngampunzi: ibe mihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
27 ibe mihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba, ibe mihlanu imivalo eziplangeni zecala lomnquba, emaphundwini ngasentshonalanga.
28 Umvalo othi gabhu phakathi eziplangeni ezo mawuvale, usuka ekupheleni uye ekupheleni.
29 Uze uzàleke iiplanga ngegolide; amakhonkco azo uwenze ngegolide, abe ziindawo zemivalo; ke imivalo uyàleke ngegolide.
30 Uwùmise umnquba ngokwesiko lawo olibonileyo entabeni.