10 iintsika zayo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zibe zezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
11 Kananjalo ngecala lasentla, ebudeni makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zaso ezimashumi mabini, izezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
12 Ububanzi bentendelezo ngecala lasentshonalanga boba ngamawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu. Iintsika zawo zoba lishumi, neziseko zazo zibe lishumi.
13 Ububanzi bentendelezo ngecala lempumalanga ngasempumalanga boba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
14 Amawunduwundu ngelinye icala lesango oba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu;
15 amawunduwundu ngelinye icala lesango abe ziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu.
16 Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba né, neziseko zaso zibe ziné.