30 Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungenen kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.
31 Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;
32 bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.
33 Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.
34 Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingàdliwa, kuba ingcwele.
35 Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.
36 Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.