34 Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingàdliwa, kuba ingcwele.
35 Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.
36 Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.
37 Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
38 Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.
39 Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.
40 Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa* yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesiné sehin,* ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesiné sehin yewayini.