1 Ke kaloku uMoses wayesalusa impahla emfutshane kaYitro, uyise womkakhe, umbingeleli wakwaMidiyan, wayiqhubela ele kwentlango, wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
2 Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingàde litshe liphele.
3 Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele.
4 Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha.
5 Wathi, Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
6 Wathi, NdinguThixo kayihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.
7 Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.