19 Ke mna ndiyazi, ukuba ukumkani waseYiputa akayi kunivumela ukuba nihambe, nokuba sekungesandla esithe nkqi.
20 Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula.
21 Aba bantu ndiya kubababala phambi kwamaYiputa; kuthi, xa nithe nemka, ningemki nizé.
22 Intokazi iya kucela kwengummelwane wayo, nakwengumphambukeli endlwini yayo, impahla yesilivere, nempahla yegolide, neengubo, nizinxibe oonyana benu neentombi zenu, niwaphange amaYiputa.