29 uzingcwalise zibe yingcwele kangcwele. Zonke izinto ezizichukumisayo zoba ngcwele.
30 UAron noonyana bakhe uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
31 Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu.
32 Ize ingàgalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni.
33 Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
34 Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis,* neonike,* negalebhana;* ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;
35 wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.