21 Wathi uMoses kuAron, Benzé ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?
22 Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.
23 Bâthi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
24 Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.
25 Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwâbo bachasene nabo);
26 wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.
27 Wathi kubo, Ùtsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangéni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.