4 Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!
5 Wabona uAron, wákha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso.
6 Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
7 Wathi uYehova kuMoses, Hamba uhle; kuba abantu bakho, owabanyusayo ezweni laseYiputa, bonakalisile;
8 batyeké msinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzéle ithole elityhidiweyo, balinqula, babingelela kulo, bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa.
9 Wathi uYehova kuMoses, Ndibakhangéle aba bantu; uyabona, ngabantu abantamo ilukhuni.
10 Kaloku ndíyeke, uvuthe umsindo wam kubo, ndibadle, ndenze wena uhlanga olukhulu.