1 Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.
2 Wòsebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke ábenza umsebenzi ngayo bobulawa.
3 Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
4 Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova: