23 Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezìntsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa.
24 Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke ábafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.
25 Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
26 Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.
27 Izikhulu zazisa amatye ebherilo,* namatye okufakwa e-efodini* naselubengweni, nobulawu,
28 neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.
29 Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubáyo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.