25 Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
26 Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.
27 Izikhulu zazisa amatye ebherilo,* namatye okufakwa e-efodini* naselubengweni, nobulawu,
28 neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.
29 Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubáyo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
30 Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbizé ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda.
31 Umzalisile ngoMoya kaThixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke,