4 Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:
5 uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;
6 nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
7 nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;
8 neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;
9 namatye ebherilo,* namatye okufakwa e-efodini* naselubengweni.
10 Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo: