28 Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini, zangamawele,
29 zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini.
30 Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye.
31 Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
32 yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga.
33 Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni.
34 Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaléka ngegolide.