6 Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
7 Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukuba bayenze, yada yasala.
8 Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi,* umsebenzi wengcibi yokuluka.
9 Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite* ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné, amalengalenga alingana onke.
10 Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.
11 Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
12 Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.