18 Isitheliso sesango lentendelezo sasingumsebenzi oyimfakamfele womluki, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude baba ziikubhite ezimashumi mabini, ukuphakama ebubanzini kwaba ziikubhite ezintlanu; kwalungelelana namawunduwundu entendelezo.
19 Iintsika zawo zoné neziseko zazo zoziné zaba zezobhedu; amagwegwe azo aba ngawesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo neminqiwu yazo kwayisilivere.
20 Zonke izikhonkwane zomnquba nezentendelezo ejikelezileyo zazezobhedu.
21 Ngawo la amanani ezinto zomnquba, zomnquba wesingqino, abebalwa ngomlomo kaMoses ngenkonzo yabaLevi, ngesandla sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
22 UBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda, wakwenza konke uYehova abemwisele umthetho ngako uMoses.
23 Waye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan, engumkroli, ingcibi, umluki weemfakamfele ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
24 Ke yonke igolide ekwakusetyenzwa ngayo umsebenzi emisebenzini yonke yengcwele, igolide yomtshangatshangiso, yaye iziitalente* ezimashumi mabini anesithoba, neeshekele* ezimakhulu asixhenxe anamanci mathathu, ngokweshekele yengcwele.