21 Ngawo la amanani ezinto zomnquba, zomnquba wesingqino, abebalwa ngomlomo kaMoses ngenkonzo yabaLevi, ngesandla sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
22 UBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda, wakwenza konke uYehova abemwisele umthetho ngako uMoses.
23 Waye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan, engumkroli, ingcibi, umluki weemfakamfele ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
24 Ke yonke igolide ekwakusetyenzwa ngayo umsebenzi emisebenzini yonke yengcwele, igolide yomtshangatshangiso, yaye iziitalente* ezimashumi mabini anesithoba, neeshekele* ezimakhulu asixhenxe anamanci mathathu, ngokweshekele yengcwele.
25 Ke isilivere yabo babalwáyo bebandla yaba likhulu leetalente neeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, ngokweshekele yengcwele.
26 Yaba yibheka* ngentloko yomntu (isiqingatha seshekele leyo, ngokweshekele yengcwele), kubo bonke abagqithelayo kwabo babalwáyo; bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, nangaphezulu, kubo abangamawaka angamakhulu omathandathu anamawaka amathathu, anamakhulu amahlanu anamanci mahlanu.
27 Ngeetalente zesilivere ezilikhulu kwatyhidwa iziseko zengcwele neziseko zomkhusane; yalikhulu leziseko kwikhulu leetalente, yayitalente kwisiseko.