27 Ngeetalente zesilivere ezilikhulu kwatyhidwa iziseko zengcwele neziseko zomkhusane; yalikhulu leziseko kwikhulu leetalente, yayitalente kwisiseko.
28 Ngeeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, wenza amagwegwe eentsika, wawaleka amantloko azo, wenza iminqiwu.
29 Ubhedu olungumtshangatshangiso lwaye luziitalente ezingamashumi osixhenxe, neeshekele ezingamawaka amabini anamakhulu mané.
30 Wenza ngalo iziseko zomnyango wentente yokuhlangana, nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, nempahla yonke yesibingelelo;
31 neziseko zentendelezo ejikelezileyo, neziseko zesango lentendelezo, nezikhonkwane zonke zomnquba, nezikhonkwane zonke zentendelezo ejikelezileyo.