3 Wazenza zonke iimpahla zesibingelelo eso: iinkamba, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neefolokhwe, neengcedevu; zonke iimpahla zaso wazenza ngobhedu.
4 Isibingelelo wasenzela uthango, umsebenzi ongumnatha, ngobhedu, phantsi kongqameko olujikelezileyo, lwathabathela ezantsi, lwathi gabhu phakathi.
5 Wawatyhida amakhonkco amané eziphelweni zoziné zothango lobhedu, aba ziindawo zezibonda.
6 Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.
7 Wazifaka izibonda emakhonkcweni, emacaleni esibingelelo, ukuba sithwalwe ngazo; wasenza ngeeplanga saholoholo.
8 Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
9 Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.