6 Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.
7 Wazifaka izibonda emakhonkcweni, emacaleni esibingelelo, ukuba sithwalwe ngazo; wasenza ngeeplanga saholoholo.
8 Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
9 Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.
10 Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
11 Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
12 Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.