9 Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.
10 Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
11 Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
12 Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
13 Ngecala lempumalanga ngasempumalanga aziikubhite ezimashumi mahlanu.
14 Amawunduwundu asingisa kwelinye icala lesango aziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
15 Ngelinye icala lesango lentendelezo, ngapha nangapha, aba ngamawunduwundu eekubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.